The United Methodist Church of Southern Africa

The United Methodist Church of Southern Africa “God calls the United Methodist people to be a Spiritual Purpose Driven Church in cultivating the attributes that influence human action.”.

INTSUKAPHI YOKUSEKWA KWELIBANDLA
Intsukaphi yokusekwa kweliBandla kukuxhatshazwa nokusengelwa
phantsi kwamalungelo abantu abamnyama kwiNkonzo yamaWesile,
lento uyibona kakuhle kube Fundisi abamnyama ithi lento nokokuba
babefunde kangakanani na okanye ubungakanani na beminyaka yabo
ebuFundisini kodwa babephantsi kweNtsumpa (Superintedent)
eMhlophe, kananjalo uMfundisi omnyama wayengake aphehlelele
okanye atyise umthendeleko weNkosi kubantu abamhlophe kodwa bona
abeFundisi abamhlophe besenza yonke into kubantu abamnyama, kananjalo imivuzo
yabeFundisi abamnyama yayingalingani neyabeFundisi abamhlophe, abebala nemali le
yokufundisa abantwana babeFundisi nayo yayingalingani yayisabiwa ngokobuhlanga. IziNodi zazibambini kwakuqale kuhlale esabantu abaMhlophe kuqala, kwandule emva
koko kulandele esabantu abaMnyama ekwakuthiwa ukubizwa kwaso yi Native Synod,
kwathi kanti yonke lento yenzekayo iyabonzakalisa abeFundisi abamnyama gabula
umbedesho wamaWesili ( emiphefumlweni, emizinjeni nasekuhlaleni ) kwaye bayibeke
esweni elibukhali, ngenxa yomthetho wocalucalulo lonto yababopha izandla nenyawo
kwanzima kakhulu ukuvakalisa intlungu yabo. Emva kokuba bonke bewubonile umcimbi
bancedwa kwaye bathethelelwa kukuqonda imvelaphi yobuWesile ngoba uYise
wobuWesile ohloniphekileyo utata uRev. John Wesley ekusekeni kwakhe eliBandla
lobuWesile wayeqwalasele ebona indlela abexhatshazwa ngayo abantu bezinye intlanga

28/06/2026

Bantu base Butterworth district please help umntu ose East London (Mdantsane)?

please help angayifumanaphi i UMCOSA around

Address

East London

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when The United Methodist Church of Southern Africa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Place Of Worship

Send a message to The United Methodist Church of Southern Africa:

Shortcuts

Share