10/08/2026
Hlala nam! kuba sekuhlwile;
Kuya rátyela - Nkosi, hlala nam!
Bakukohlwa bambi abancedi,
Mncedi we ndwayinge O, hlala nam!
2 Iyemka iminana yob' ubom;
'Ziyolo zomhlaba ngumfiliba,
Yinguqu nokuguga, kwezinto;
Wen' ungaqukiyo, hlala nam.
3 Ndihleli ndifun' ubuko Bako
Yin' engoyis' amandla omtyoli:
Nguban' ongakokela nje ngawe?
Lisile linamafu, hlala nam!
4 Ndipákamisel' ikrusi Yako;
Kánya kumtúqwa, undalatíse:
Kuza isifing', emk' amatúnzi;
Ndipila, ndisifa, Nkos' hlala nam!
AMEN.