The United Methodist Church of Southern Africa

The United Methodist Church of Southern Africa It was established by God Himself. In 1978. It focuses on salvation by grace through faith. Just believe you shall be saved.

10/05/2020

12. 8.8.8.8.
1. THIXO, siya kudumisa;
Wena uya sivuyisa;
Wena unothando kuthi,
Ngoko siya kudumisa futhi.

2. Weenza umphefumlo wethu,
Weenza nemizimba yethu;
Ngabo ubulumko baKho,
Ngako ukuthanda kwaKho.

3. Usiphil' ubomi bethu,
NguWe onguBawo wethu;
Iminyaka ngeminyaka
Ulilanga ulikhaka.

4. Oku kutya esinako,
Kukho ngobubele baKho;
Nazo zonk' iimpahla zethu,
Ewe, yonk' imfuyo yethu.

5. Ma usiphe iintliziyo
Ezingakulibaliyo.
Masikubulele sonke,
Ewe, ngamaxesha onke. Amen.

11/10/2019
UMCOSA conference sessions are underway.
11/10/2019

UMCOSA conference sessions are underway.

08/10/2019
14/05/2019

The is a great difference between real world and ideal world.

Ideal is ideal and will remain ideal.

Relax and just be real because you are in the real world.

13/03/2019

11. 8.6.8.6.

1. BULELANI kuYehova,
Kuba elungile;
Kuba ububele baKhe
Bubobaphakade.

2. M' atsho amaSirayeli,
Iindlu zawo zonke,
Athi, ububele baKhe
Bubobaphakade.

3. Ndamemeza kuYehova,
Ndandisengxingweni;
Wandinceda wandibeka
Endawen' ebanzi.

4. Ingecala lam iNkosi,
Andisakoyika;
Ingasuka ithini na
Lento umntu k*mi?

5. Ingecala lam iNkosi,
Iyakundinceda;
Indincede ngok*mnandi
Kwabandithiyayo.

6. Ukuthemba uYehova,
Nikuphepha ngaUe,
Kuko okulungileyo;
Kungathenjwa bantu.

7. Mandisinde ngaWe Nkosi
Undisikelele!
Mandiphumle ngawe Nkosi
Undithamsanqele. Amen.

论坛

06/08/2018

10. 9.9.9.9.9.9.9.9.9.9.
1. BATHANDI beNkosi, yizani,
Nazise olwenu uvuyo,
Ngomanyo lwwntsholo vumani,
Endlwini yeNkos' enikuyo.
Bangaala abangamaziyo
Owethu uThixo omkhulu;
Vumani ngelingapheliyo,
Lusapho lweNkosi yezulu.

2. UThixo ohleli phezulu,
Epheth' ubukhos' emhlabeni,
Ethetha nolwadl' olukhulu,
Esithi k*maza "Zolani."
Ngowethu loo Thixo unjalo,
UBawo othando lukhulu;
Wothum' izithunywa kwa ngalo,
Ukuza kusisa phezulu.

3. Sobonana naYe ngobuso,
Kwelozwe lingenas' isoono,
Sosela kungekho ivuso,
Sisele umthombo wobomi.
Naxa singekayi phezulu,
Singe sinovuyo kwa futhi,
Kwa ngenxa yenyhweba enkulu
Eyoda ifike nakuthi.

4. Usapho lofefe kwa lapha,
Luse lufumen' ingcwaliso;
Umfuno wezulu ulapha,
Uzuz' emhlabeni intlumiso,
Mazom' iinyembezi kwangawo,
Vumani kwandisw' amaculo,
Sicande ilizwe loBawo,
Sisiya kwelihle phezulu. Amen.

08/12/2016

9. 7.7.7.7.
1. MA ZITH' iingqondo zethu,
Zimbonge uYehova;
Kuba iinceba zaKhe,
Zimi ngonaphakade.

2. Ma sithi kulo lonke,
Sazis'igama laKhe;
Kuba iiceba zaKhe,
Zimi ngonaphakade.

3. Ngawo amandla aKhe,
Ukhanyisel' ilizwe;
Kuba iinceba zaKhe,
Zimi ngonaphakade.

4. Wondla izinto zonke,
Ngaso isandla saKhe,
Kuba iinceba zaKhe,
Zimi ngonaphakade.

5. Ezinrsizini zethu,
Ilisi liya bona;
Kuba iinceba zaKhe,
Zimi ngonaphakade.

6. Kubo bonke oothixo,
Akukho onje ngaYe;
Kuba iinceba zaKhe,
Zimi ngonaphakade. Amen.

08/12/2016

8. 8.8.6.8.8.6
1. Ndakubongu' uThixo wami.
Kulo lonk' ixesha lami,
Endohlala ngalo;
Naxa se ndisekufeni,
Ndiza k*mka elizweni,
Ndiya kenje njalo.

2. Wandinik' ubomi bami;
Ewe, zonk' izinto zami
Ndizinikwe nguYe.
Kwa noYesu uMsindisi,
Owabooni umphilisi,
Ndizuzile kuYe.

3. Ngoko ndiya k*mdumusa,
Ndide ndiye k*mzukisa
Khona ezulwini;
Ndibe lapho ndibulela
Olo fefe ndalwamkela
Apha emhlabeni. Amen.

13/11/2016

THE DEVINE SERVICE EARLIER TODAY Bhakaleni Society, Palmerton Circuit, Mfundisweni District under the Connection of UMCOSA as led by President of Conference Rev. L. M. Mabindisa.

Worship and Sermon presentation by Rev. S. Mancotywa

Topic: Salvation Promised through Virgin birth.

Scripture reading extracted from Genesis3:3-15 and Luke1:26-38

Main text Luke1:34 Mary asked the angel, “But how can this happen? I am a virgin.”

Key reference text Genesis3:15 And I will cause hostility between you and the woman, and between your offspring and her offspring. He will strike your head, and you will strike his heel.”
Introductory Hymn from Methodist Xhosa Hymn Book,
Hymn 45. Melody code 7.6.7.6.7.6.7.6.
1. HOSANNA enyangweni!
Ndivuma ngezwi lam,
KuNyana kaDavide
Ozayo ngenxa yam.
Hosanna! undisiza
Ebunzimeni bam;
Uyeza akabizwa
OnguMsindisi wam.
2. Ndovatha ezinjani,
Wakutyelela k*m?
Yilungisele Wena
Yonk' intliziyo yam,
Ndiyinikele kuWe,
OnguMhlanguli wam;
Ma iqubude kuWe
Ngenene, Nkosi yam.
3. Ndandikhululwe nguWe
Entolongweni yam.
Seliqhawulwe nguWe,
Ikhamandela lam.
Elandincamisayo,
Ndalahl' ubomi bam;
Se undivuyisile
Ekulileni kwam. Amen.

INTRODUCTION

The Gospel According to Luke (Greek: to kata Loukan euangelion), commonly shortened to the Gospel of Luke or simply Luke, is the third and second longest of the four canonical Gospels. It tells of the origins, birth, ministry, death, resurrection and ascension of Jesus Christ. Luke and Acts of the Apostles make up a two-volume work from the same pen, called Luke–Acts. The cornerstone of Luke-Acts' theology is "salvation history",

OUTLINE

1. Virgin Birth the ancient promise of Salvation
2. Climax of salvation of humanity in Jesus the Christ.
3. How can we become part of this Grand Plan of Salvation?

1. VIRGIN BIRTH

Mary asks a question deeply perplexed; how can this happen(how can I fall pregnant), I am a virgin? Keep in mind that the author o

02/10/2016

Address

Lusikisiki
4820

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when The United Methodist Church of Southern Africa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share