12/08/2020
NgoLwesithathu 12
*LWAMKELE SHUSHU UTHANDO*
*LWAKHE*
Kuba wenjenje uThixo ukulithanda
kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana
wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze
bonke abakholwayo kuye bangatshabalali,
koko babe nobomi obungunaphakade
(UYohane 3:16).
UThixo wethu unobabalo nobubele. Uthando
lwaKhe athanda ngalo umntu lungaphaya kokuqondwa. Luthando olungenamida. KuYohane
15:13 kuthiwa, “Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele
izihlobo zakhe.”
INkosi uYesu wabubeka phantsi ubomi baKhe ngenxa yethu, ngendlela engazange ikhe yenziwe
ngumntu. Yena kaloku waye enemvelo-buThixo,
engenaso nesono; kodwa, waba lidini lesono, wanikelwa
ngenxa yesono sehlabathi. Wazinikela ngokuthanda
kwaKhe ukuba abethelelwe emnqamlezweni,
endaweni yabanye. Khawuyicinge le nto: Wathatha
indawo yethu yesono emnqamlezweni, ukuze thina
sithathe indawo yaKhe yobulungisa: “Kuba lowo
ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu,
ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye”
(KwabaseKorinte 2, 5:21). Ungaluchaza uthini uthando olunje, olwamenza ukuba afele aboni—izikrelemnqa, ababulali nabaphangi,
njl? Weza, waphila, wenza imimangaliso, wafa
wabuya wavuka, zonke ezenza ngenxa yothando
analo ngomntu. Yonke into awayenzayo wayenza
ngenxa yothando analo ngomntu. Xa wayexela
injongo yaKhe ngokuza emhlabeni, phaya kuYohane
10:10, wathi wezela ukuze umntu abe nobomi, abe
nabo ngokupheleleyo. Ubomi asinike bona bubomi
beentsikelelo, novuyo, nobumnandi, zibekho ezi zinto
ngonaphakade kanaphakade. Haleluya!
Ngoku, ngenxa yento awayenzayo uYesu, thina singcwele futhi sinokungasoleki phambi kwaKhe
ngothando. Sinako ukuma kubukho bukaThixo
singenasazela, nakuzijongela phantsi, okanye
ukugwetywa. Akukho mfuneko yokuba uzive
ungakhuselekanga okanye ungaqinisekanga ngendawo
yakho kuThixo. Yiba nesibindi, nokuzithemba,
nengqiniseko kwanovuyo ngenxa yokuba ungowaKhe;
ngenxa yokuba wakwenza waba nobunye kunye naYe.
Haleluya. Akukhathaliseki nokuba wakhe waphi, wenza ntoni, nokuba ucinga ukuba utshone nzulu kangakanani
na esonweni, akukho sizathu sokuba umbaleke
uThixo. Wathi kuIsaya 1:18, “…nokuba izono
zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba
mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela
njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.”
Yamkela uthando lwaKhe. Mthembe ngobomi bakho.
Mhlawumbi awukazalwa ngokutsha, ngowakho lo
mzuzu. Tyhila kumthandazo wokusindiswa phaya
kwiphepha lama-76; uwuthandaze ke laa mthandazo,
unyanisile entliziyweni yakho.
*UMTHANDAZO*
Bawo Othandekayo, Ndiyakubulela ngolu thando
lukhulu undithande ngalo; enkosi ngokundinyula
zingekabikho iziqalelo zehlabathi, undinyulela ukuba
ndibe ngongcwele, ongenakusoleka, nowamkelekileyo
apho ukhoyo, uyenza loo nto ngokuzithandela
ngokwentando yaKho. Ndihamba ndinayo
ingqiqo yokuba uyandithanda ngokungapheliyo
nangokungenamiqathango; ndingogwetyelweyo,
onoxolo naWe, eGameni likaYesu. Amen.
*UFUNDO OLUNZULU:*
1 Uyohane 3:1-2; 1 Uyohane 3:16; 1 Uyohane 4:19
*UCWANGCO LONYAKA OMNYE LOKUFUNDA IBHAYIBHILE*
Kwabaseroma 14-15:1-4 & IiNdumiso 90-93
*UCWANGCO LWEMINYAKA EMIBINI LOKUFUNDA IBHAYIBHILE*
KwabaseFilipi 2:1-11 & Uisaya 63