Iindumasiso Zabapostile

Iindumasiso Zabapostile Imibongo engcwele elungiselelwe ukudumisa kwanokubulela umdali weento zonke. Yizani ke ngoko sakhe inkonzo yethu sisebunyeni bobuThixo, kubo ubuhle bobuzalwana.

Eli liqonga uThixo wenu baPostile anenzele lona ukuze nime ngemilenze engenamikhinkqi nimvume, nimngqine uThixo wenu odla ubomi ekuyo inyama. Nithethe naye esenyameni nimdumise esenyameni inge kwabo bagqala enyameni, abo bangambonanga esefini bathi oluzuko lusingisele koonyana babantu. kuba uThixo uveze olu ulungiselelo ukuze kuthi apho sinobufutshane khona sisondele kweliqonga sibuze, kuthi apho

sive umoya oyingcwele uthetha ngaphakathi kwethu, s**a thina siwavakalise amazwi kamoya kweliqonga. Izinto ezintle esizenzayo, sizenzela inkonzo yethu kumadlelo esondliwa kuwo siyixhamle nathi loontsikelelo, ukuze sibe siso isizwe esinoyolo esixhamla intsikelelo yemihla ngemihla evela kuThixo wethu. Siyazi ukuba uThixo umise izigodlo kwiintaba ngeentaba zeYerusalem yokomoya ukuze zibhonge kuhlokome amawa neentaba, ezihlab'umkhosi weZulu ukuze ume uvath'ozokulwa neentshaba zethu, iintshaba zethu ke azikho kuthe zezizinto zingalunganga zinamathele kuthi singavumi ukuzoyisa. Okanye ukuzoyisa kokungendawo. Nantso ke baPostile yeyenu !

Address

Ocean View
Jeffrey's Bay
6330

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Iindumasiso Zabapostile posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share