09/04/2020
ULWESITHATHU KWIVEKI ENGCWELE
Indumiso 69: 20
"Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa; Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho; Nokuthuthuzelwa, andakufumana."
La ngamazwi esiwafumana kulendumiso yamashumi amathandathu anesithoba, ngesahlukwana samashumi amabini akananto.
Kwincwadana zenqubo yokuqhuba inkonzo(prayer book), woqaphela ukuba lendumiso ibhalwe ngoluhlobo lulandelayo:
"Ingcikivo yakho yaphule intliziyo yam; ndixhwalekile: ndafuna onokuvelana nam, kodwa akwabikho mntu, andafumana mntu wakundithuthuzela."
Okunye okuqaphelekayo xa uyifunda kwincwadi yenqubo yenkonzo koku kulandelayo:
1. Indumiso yona yeyamashumi amathandathu anesithoba kodwa isahlukwana sesamashumi amabini ananye(Psalm 69:21)
2.Kwincwadi yokuqhuba inkonzo ifunaneka kwiphepha 536, kwicandelo lwencwadi zeendumiso nakwi phepha 215, kwicandelo lwencwadi yokuqhuba umthendeleko, xa umbingeleli asondezayo lomfihlakalo yomzimba negazi kuThixo. Xa uqaphelisisa apha umbingeleli uwasebenzisa kuphela lamazwi ngexesha elithile kuphela Xa ezakunikela, uwasebenzisa ngexesha Lentlungu.
Namhlanje ndithi makhe ndizame ukuncokola ngalamazwi akulendumiso okomzuzwana, noxa ndingembhali wasixhosa esisulungekileyo, kodwa ndithi makhe ndizame noko ukuthundeza ibhityo.
Nanjengokuba selendizamile ukuchaza ukuba kukho umahlukwana omncinci kulendumiso ngokubhalwe kwibhayibhile yesiXhosa kwakunye nencwadi yokuqhuba inkonzo, ndicela ukuba undivumele mfundi ndiphinde ndithyila umahlukwana omncinci kulendumiso ngokubhalwe kwibhayibhile yesiXhosa kwakunye nencwadi yokuqhuba inkonzo, amazwi athi: 'ndathemba ukukhuzwa' Nala athi: 'ndafuna onokuvelana nam'. Umnqweno wam ngowokuba ndizame ukubamfutshane ndingagxhili kwingcaciso yalamazwi , ndithetha ngomahluko ngentetho evakalayo.
Ukuba bendimi eqongeni lokuphalaza indaba ezilungileyo(pulpit), bendiyakucela ukuwubiyela umyalezo ngamazwi amafutshane athi:
"UVELWANO"
Kuba ithuba lingekho lokuba sicacise lendumiso sincokola ngayo nombhali wayo, ndicela undivumele mfun