31/12/2021
Mateyu - Isahluko 6
1 “Lumkani ukuba ubulungisa benuningabenzi phambi kwabantu ukuze nibonwe ngabo; kungenjalo aniyi kuba namvuzo kuYihlo osemazulwini.
2 Ngoko ke xa usenza izipho zenceba,musa ukuvuthela ixilongophambi kwakho, kanye njengoko besenza abahanahanisi kwizindlu zesikhungu nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Sebewufumene ngokupheleleyo umvuzo wabo.
3 Kodwa wena, xa usenza izipho zenceba, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene,
4 ukuze izipho zakho zenceba zibe semfihlekweni; yaye uYihlo okhangela emfihlekweni uya kukubuyekeza.
5 “Xa nithandaza, nize ningabi njengabahanahanisi; ngokuba bathanda ukuthandaza bemikwizindlu zesikhungu nakwiimbombo zeendlela eziphangaleleyo ukuze babonakale ebantwini. Inene ndithi kuni, Sebewufumene ngokupheleleyo umvuzo wabo.
6 Noko ke, wena, xa uthandaza, ngena egumbini lakho langaseseuze, wakuba uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni;yaye uYihlo okhangela emfihlekweni uya kukubuyekeza.
7 Kodwa xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye,njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi.
8 Ngoko, ze ningafani nabo, kuba uThixo uYihlo uyakwazi enikusweleyoningekamceli.
9 “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela:“‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwalisweigama lakho.
10 Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthandakwakho nasemhlabeni,njengasezulwini.
11 Siphe namhlanje isonka sethu sale mini;
12 uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.
13 Ungasingenisi ekuhendweni,kodwa sihlangule kulowo ungendawo. ’
14 “Kuba ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela;
15 kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.
16 “Xa nizila ukutya,musani ukuba lusizi ebusweni njengabahanahanisi, kuba bajika imbonakalo yobuso babo ukuze babonakale ebantwini ukuba bazile ukutya. Inene nd