10/06/2020
Molweni nonke bantwana Bakathixo ndicela sihlangane sonke kumthandazo okhethekileyo, egameni lo Thixo uyise, nelonyana, ne lomoya oyingcwele Hamen, bawo naba abantwana bakho phambi kwakho abanye benyembezana bexakiwe uba mabathini Kuba wena uThixo usuke wangathi usilibele ukusikhusela kanti mhlawumbi yingqumbo yakho le yenza sibe kulenyikityha yokufa nokuhlaselwa sisifo secorona, thixo ndiyayazi ndonile mna phambi kwakho nakuwo amazulu kodwa wena usathe gqolo ukundikhusela, nakalokunje thixo ndiyayazi awuzusiyekela sibulawe ngulobhubhane wesifo, kodwa ngk siza kuwe bawo sibumbene siyinyanda sisenza umthandazo omnye sikhala ngazwi linye sikhalela impilo kuwe nokukhuseleka, andiceleli mna nendlu yam yodwa kodwa ndicelela bonke abakuqondayo kanti nabo bangakuqondiyo khonukuze uwenze umqondiso nakubo wokuba bakwazi unguthixo, sikelela ke bawo uthamsanqelise lo mthandazo wabantwana bakho ukuze ube yimpilo kwabagulayo nakwaba sezintlungwini, ndiqaba kumnquba wam ngegazi le xhwane khonukuze ingelosi yokufa ingangeni, 🙌ndibiza yonke imimoya nezindidi ezinjani zemimoya kunye na lomoya sijingene nawo sililizwe, ndibiza amandla emandleni ngegunya lesosicaka singumdala ndiyayindlandlathekisa lomimoya, ndiwubiza ngegama lo sithetha ngawo(CORONA) 🙌NDITHI KUWE PHUMA UPHELE KWESISIZWE SIKASIRAYELI NASEMHLABENI NGOKUNJALO KUBA SITHUNYWE KUWO LOMHLABA, PHUMA MOYA NDINI PHUMA SQALEKISO, HAMBA YIYA APHO UBUFUDULA UVELA KHONA, NDIYAKUCELA OKU EBUNYENI BAMAGAMA AMATHATHU, THIXO UYISE, THIXO UNYANA NOTHIXO MOYA OYINGCWELE KRESTU AMEN.