12/01/2020
UMBEDESHO WEMINI YECAWA
OKHOHLAKELEYO akuguquka ekukhohlakaleni kwakhe akwenzileyo,enz
e okufanelekileyo nokulungileyo,yena uya kulondoloza umphefumlo wakhe ebomini.
Ngokuba izigqitho zam ndizazi; isono sam sisebusweni bam futhi.
Fihla ubuso bakho ezonweni zam, ucime zonke izikhohlakalo zam.
Amadini kaThixo angumoya owaphukileyo; intliziyo eyaphukileyo negqobhokileyo akuyi kuyidela, Thixo !
Nikrazule intliziyo yenu,kungabi ziingubo zenu,niguqukele kuYehova, uThixo wenu: ngokuba enofefe nenceba yena,equmba kade,enobube obukhulu,enosizi ngobubi.
Kuyo inKosi, uThixo wethu, kukho izibele nezixolelo,nakuba sivukele ngakuyo; singa phulaphulanga nelizwi likaYehova, loThixi wethu, lokuba sihambe ngemithetho yakhe ayibekileyo phambi kwethu.
Ndohlwaye, Yehova ! kodwa ngokufanelekileyo; kungabi ngengqumbo yakho,hleze undenze into encinane.
Guqukani; ngokuba ubukumkani bezulu se bukufuphi.
Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye; Bawo ! ndonile ngakulo izulu nasebusweni bakho; andisafanele ukubizwa ngokuba ngunyana wakho.
Uze ungangeni ekugwebeni kwisicaka sakho; ngokuba kungalungile ebusweni bakho namnye ohleliyo.
Xeshekweni sitshoyo ukuthi asinabo uboono,siya zikhohlisa, ithi yona inyaniso ingabi kho kuthi. Xeshekweni sizivumayo izoono zethu, ulungile kanjalo,ukuze asixolele izoono zethu, asihlambulule kuko konke okulungileyo.
BATHANDWA, isibhalo esingcwele siya siyala kwiindawo ngeendawo,ukuba ma sivume sixele izoono zethu ezininzi nokukhohlakala kwethu; nokuba nge singahana-hanisi sizifihle ebusweni boThixo onamandla onke, boBawo wethu wasezulwini; koko sibe nakho ukuzixela ngentliziyo elulamileyo,nethobekileyo,neli
layo,nevayo;ukuze sizuze ukuxolelwa kwazo ngabo ububele bakhe netaru lakhe elingenambaliso.
Ngako oko ndiya nithandaza,ndiniyala nonke nina nikhoyo apha, ukuba ma nindipheleke ngentliziyo engcwengileyo,n
elizwi elilulamileyo,siye esihlalweni sofefe lwasezulwini,nisithi emva kwam.----
BAWO onamandla onke, onofefe oluphezu konke ! Siphosisile salahlekana neendlela zakho nje ngeegusha ezilahlekileyo. Sigqithile ngokulandela amaqhinga neenkanuko zeentliziyo zethu. Sonile ngakuyo imithetho yakho engcwele. Siyekile ezo nto esinge sizenzile asazenza; seenza ezo nto esinge singazenzi; akukho nokuphila kuthi. Kodwa wena nKosi ! uze wenze ngetarhu kuthi baphosisi abantliziyo zilusizi. Banyamezele, Thixo aabo baxela iziphoso zabo. Philisa abo baguqukayo,nje ngokuthembisa kwakho okushunyayelweyo ebantwini,ngoKristu Yesu inKosi yethu.Uze uthi, Bawo olufefe luphezu konke,usiphe ngenxa yakhe okokuba sithi emveni kwa kaloku nje,sihlale intlalo ebhedeshekileyo
,nelungileyo,nebungcathu,kuze kudunyiswe igama lakho. Amen.
NKosi siya kuthandaza,khulula abantu bakho eziphosweni zabo; size sithi ngabo ububele bakhi obukhulu,sisindiswe ezintanjeni zezo zoono sizenzileyo ngobuthathaka bethu.Uze wenze oku, Bawo wasezulwini; ngenxa yakhe uYesu Kristu inKosi yethu nomSindisi wethu odumisekayo.-
BAWO wethu osezulwini ! Ma liphathwe ngobungcwele igama lakho. Ubukumkani bakho ma bufike. Intando yakho ma yenziwe emhlabeni, Nje ngokuba isenziwa ezulwini. Ma usiphe isonka sethu semihla ngemihla.Usixolele izoono zethu, Nje ngokuba nathi sixolela aabo basonayo thina. Ungasingenisi ekuhendweni ; Sisindise enkohlakalweni ; Ngokuba ubukumkani bubobakho, Namandla engawakho, Nobungcwalisa bubobakho, Kude kube ngunaphakade. Amen.
Nkosi ma usivule imilomo.
Yayiya kuthi yona ivakalise udumo lwakho.
Thixo ! ma ukhawuleze ukusisiza.
Udumiso ma l**e kho kuye uYise,nakuye unyana,nakuye uMoya oyiNgcwele:
Nje ngokuba kube kunjalo kwa sekuqalekeni, kunjalo kaloku nje,kuya kumana kuba njalo,kude kube ngunaphakade. Amen."
"