06/04/2016
Yohane 2vs1-10. UYesu uguqula amanzi abe yiwayini eKana
1 Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu. 2 UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato.
3 Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”
4 Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”
5 Waza unina wathi kwizicaka: “Kwenzeni konke anixelelayo.”
6 Apho ke kwakukho imiphanda yelitye emithandathu eyayisetyenziswa ngamaJuda kwisiko lawo lokuhlambulula. Umphanda ngamnye wawumkhulu kangangokuba wawungena iilitha ezimalunga namashumi alithoba ukuya kwikhulu. 7 UYesu ke wathi kwizicaka: “Zalisani le miphanda ngamanzi.” Izicaka zayizalisa, 8 wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Zenjenjalo ke, 9 yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni,
10 yathi kuye: “Idla ngokukhutshwa kuqala iwayini elungileyo, kuthi zakuba zisele zanela iindwendwe, kukhutshwe enganeno. Kodwa wena uyigcine kwada kwangoku eyona wayini ilungileyo.”