12/06/2023
Molweni lusapho lwaseDikeni
Siyaxolisa kakhulu ngukuthula okwexeshana ngemithandazo, noxa besingekhona kwelikasi kodwa besisathandaza ngayo iDike. UBawo usafanele uzuko, sithathisa apho siyeke khona ukuthandazelela iDike kwelikhasi lonxibelelwano.
Singena kuleveki ngeNdumiso 24:7-10
7 Vulekani, masango;
vulekani, minyango yakudala,
angene uKumkani iNgangalala!
8 Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;
nguNdikhoyo onamandla onk' edabini!
9 Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,
angene uKumkani iNgangalala!
10 Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.
Onke amasango abevaliwe sibiza ngemandla oMoya oyiNgcwele ukuba avuleke ngegama likaYesu. Singena emisebenzini, ezikolweni nasezindlini zethu sisithi naliphina icebo elingelilo elasemazulwini malivulele indlela uKumkani wobungcwelisa angene kuqala. Simcela uMoya oyiNgcwele afukame ngaphakathi kuthi.
Ivekile leyonke sicamngce ngalo elilizwi, nangawo lomthandazo, sibukele uBawo esenzela izinto ezinkulu.